Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 47:16-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wathi uYosefu, Rholani imfuyo yenu; ndoninika ngemfuyo yenu, ukuba imali iphelile.

17. Ayizisa imfuyo yawo kuYosefu; uYosefu wawanika ukudla ngamahashe, nangemfuyo eyimpahla emfutshane, nangemfuyo eziinkomo, nangamaesile; wawapha ukudla endaweni yayo yonke imfuyo yawo ngaloo mnyaka.

18. Waphela ke loo mnyaka. Eza kuye ngomnyaka wesibini, athi kuye, Asinakukufihla enkosini yam, ukuba imali nemfuyo eziinkomo iphelele enkosini yam; akusalanga nto kuthi phambi kwenkosi yam, yimizimba yethu nemihlaba yethu yodwa kuphela.

19. Yini na ukuba sife phambi kwakho, thina aba nomhlaba wethu. Síthenge thina nomhlaba wethu ngokudla, ukuze thina nomhlaba wethu sibe ngabakhonzi bakaFaro. Sínike imbewu, ukuze siphile, singafi, kube senkangala.

20. UYosefu wawuthengela uFaro wonke umhlaba waseYiputa; kuba amaYiputa athengisa elowo ngentsimi yakhe, kuba indlala yabe inzima phezu kwawo; umhlaba ke waba ngokaFaro.

21. Abantu wabafudusela emizini, kwathabathela ekupheleni komnye umda waseYiputa kwesa ekupheleni komnye.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 47