Waphela ke loo mnyaka. Eza kuye ngomnyaka wesibini, athi kuye, Asinakukufihla enkosini yam, ukuba imali nemfuyo eziinkomo iphelele enkosini yam; akusalanga nto kuthi phambi kwenkosi yam, yimizimba yethu nemihlaba yethu yodwa kuphela.