Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 43:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. USirayeli wathi, Yini na ukuba nindenzele ububi, niyixelele indoda leyo ukuthi, nisenomninawa?

7. Bathi, Indoda leyo yabuza kunene ngathi nangemizalwana yethu, isithi, Usaphilile na uyihlo? Nisenomninawa na? Sayixelela ngokwaloo mazwi. Besisazi yini na ukuba ibiya kuthi, Yihlani nomninawa wenu?

8. UYuda wathi kuSirayeli uyise, Mthume nam umfana, sisuke sihambe, siphile, singafi thina, nawe, nabantwana bethu.

9. Mna ndiya kummela, wòmbiza esandleni sam; ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndimbeke phambi kwakho, mandibe netyala kuwe yonke imihla yam.

10. Kuba, ukuba besingazilazilanga, inene ngesiba ngoku sesibuye okwesibini.

11. USirayeli uyise wathi kubo, Ukuba kunjalo okunene, yenzani ke oku: thabathani kwezinconywayo izinto zelizwe eli, nizifake ezingxoweni zenu, nihle niyisele indoda leyo umnikelo: intwana yamafutha aqholiweyo, nentwana yencindi yobusi, nentlaka emhlophe, nentlaka emnandi, neenkozo zepistasi,* neeamangile.*

12. Phathani enye imali esandleni senu; naloo mali yabuyiswayo emlonyeni weengxowa zenu, buyani nayo esandleni senu; mhlawumbi sisiphosiso.

13. Nomninawa wenu mthabatheni, ninduluke, nibuyele kwindoda leyo.

14. Ngamana uThixo uSomandla waniphatha ngemfesane phambi kwendoda leyo, ukuba inikhululele omnye umzalwana wenu lowo noBhenjamin. Mna, ukuba ndihluthiwe abantwana, ndihluthiwe.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 43