Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 43:2-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kwathi, bakuba begqibile ukuyidla ingqolowa ababeze nayo bevela eYiputa, wathi uyise kubo, Buyani niye kusithengela intwana yokudla.

3. Wathi uYuda kuye, Indoda leyo yaqononondisa kuthi, yathi, Aniyi kububona ubuso bam, engabangakho nani umninawa wenu.

4. Ukuba ùthe wamthuma umninawa wethu nathi, sohla siye kukuthengela ukudla.

5. Ukuba akuthanga umthume, asiyi kuhla; kuba indoda leyo yathi kuthi, Àniyi kububona ubuso bam, engabangakho nani umninawa wenu.

6. USirayeli wathi, Yini na ukuba nindenzele ububi, niyixelele indoda leyo ukuthi, nisenomninawa?

7. Bathi, Indoda leyo yabuza kunene ngathi nangemizalwana yethu, isithi, Usaphilile na uyihlo? Nisenomninawa na? Sayixelela ngokwaloo mazwi. Besisazi yini na ukuba ibiya kuthi, Yihlani nomninawa wenu?

8. UYuda wathi kuSirayeli uyise, Mthume nam umfana, sisuke sihambe, siphile, singafi thina, nawe, nabantwana bethu.

9. Mna ndiya kummela, wòmbiza esandleni sam; ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndimbeke phambi kwakho, mandibe netyala kuwe yonke imihla yam.

10. Kuba, ukuba besingazilazilanga, inene ngesiba ngoku sesibuye okwesibini.

11. USirayeli uyise wathi kubo, Ukuba kunjalo okunene, yenzani ke oku: thabathani kwezinconywayo izinto zelizwe eli, nizifake ezingxoweni zenu, nihle niyisele indoda leyo umnikelo: intwana yamafutha aqholiweyo, nentwana yencindi yobusi, nentlaka emhlophe, nentlaka emnandi, neenkozo zepistasi,* neeamangile.*

funda isahluko epheleleyo Igenesis 43