Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 37:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uYakobi wahlala ezweni lokuphambukela kukayise, ezweni lakwaKanan.

2. Yiyo le ke inzala kaYakobi. UYosefu, engominyaka ilishumi linesixhenxe ezelwe, wayesalusa impahla emfutshane ndawonye nabakhuluwa bakhe; yena ke, engumfana, wayenoonyana bakaBhiliha, noonyana bakaZilipa, abafazi bakayise. UYosefu wazisa udaba lwabo olubi kuyise.

3. USirayeli wayemthanda uYosefu ngaphezu kwabo bonke oonyana bakhe, ngokuba ebengunyana wokwaluphala kwakhe; yena wamenzela ke ingubo ende enemikhono.

4. Abakhuluwa bakhe babona ukuba uyise umthanda ngaphezu kwabo bonke, bamthiya, ababa nakuthetha naye bexolile.

5. UYosefu waphupha iphupha, wabaxelela abakhuluwa bakhe; kwaba kukhona bamthiyayo.

6. Wathi kubo, Khanilive eli phupha ndiliphuphileyo.

7. Yabonani, besibopha izithungu entsimini phakathi; saza isithungu sam sesuka sema; zaza izithungu zenu zasingqonga, zaqubuda kwisithungu sam.

8. Abakhuluwa bakhe bathi kuye, Yinene na ukuba uya kuba ngukumkani phezu kwethu? Yinene na ukuba uya kusilawula? Kwaba kukhona bamthiyayo ngenxa yamaphupha akhe, nangenxa yamazwi akhe.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 37