Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 31:41-52 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. Kwaba njalo kum le minyaka imashumi mabini endlwini yakho; ndakukhonza iminyaka elishumi elinaminé ngenxa yeentombi zakho zombini, iminyaka emithandathu ngenxa yempahla yakho emfutshane; ùwuguqule kalishumi umvuzo wam.

42. Koko uThixo kabawo, uThixo ka-Abraham, Ohlonelwa nguIsake, waba nam, inene ùnge ùndindulule ndilambatha ngoku. UThixo uzibonile iintsizi zam nokuxelenga kwezandla zam, wakohlwaya phezolo.

43. ULabhan waphendula wathi kuYakobi, Iintombi ziintombi zam, oonyana ngoonyana bam, impahla emfutshane yimpahla yam, neento zonke ozibonayo zezam. Ndinakwenza ntoni na namhla ezintombini zam ezi, nakoonyana bazo ezibazeleyo?

44. Yiza ngoku, senze umnqophiso, mna nawe, ube lingqina phakathi kwam nawe.

45. UYakobi wathabatha ilitye, waliphakamisa lasisimiso.

46. Wathi uYakobi kubazalwana bakhe, Cholani amatye. Bathabatha amatye, benza imfumba, badla khona phezu kwaloo mfumba.

47. Wathi ukuyibiza uLabhan yiYegarsahaduta,* uYakobi wathi ukuyibiza yiGaledi.*

48. Wathi uLabhan, Le mfumba ilingqina phakathi kwam nawe namhla, ngenxa yoko yathiywa igama eliyiGaledi;

49. neliyiMizpa,* ngokuba wathi, Makabonisele uYehova phakathi kwam nawe, sakuba sisithelene;

50. ukuba ùthe wazicinezela iintombi zam, nokuba ùthe wazeka abafazi phezu kweentombi zam, akukho bani unathi. Khangela, uThixo ulingqina phakathi kwam nawe.

51. ULabhan wathi kuYakobi, Yabona le mfumba, yabona esi simiso ndisiphakamisileyo phakathi kwam nawe; ingqina yile mfumba,

52. ingqina sesi simiso, ukuba andiyi kugqitha mna kule mfumba ndiye kuwe, ukuba akuyi kugqitha wena kule mfumba nakwesi simiso uze kum, senzane ububi.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 31