Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 31:32-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Osukuba uzifumana kuye izithixo zakho, makangadli bomi. Phambi kwabazalwana bethu fanisa into yakho enam, uyithabathe. Wayengazi uYakobi ukuba uRakeli uzibile.

33. Wangena uLabhan ententeni kaYakobi, nasententeni kaLeya, nasententeni yeempelesi zombini; akazifumana. Waphuma ententeni kaLeya, wangena ententeni kaRakeli.

34. Ke kaloku uRakeli ebeyithabathile imilonde-khaya, wayifaka phakathi kwesali yenkamela, wahlala phezu kwayo. ULabhan wayiphuthaphutha yonke intente, akayifumana.

35. Wathi kuyise, Mawungabi namsindo, nkosi yam, kuba ndingenako ukusuka phambi kwakho, ngokuba ndihleli phezu kwengca. Wagquthagqutha, akayifumana imilonde-khaya.

36. Wavutha umsindo kaYakobi, wabambana noLabhan. Waphendula uYakobi, wathi kuLabhan, Luyintoni na ukreqo lwam, siyintoni na isono sam, ukuba undisukele ngokushushu nje?

37. Uziphuthaphuthile zonke iimpahla zam; ufumene ntoni na yazo zonke iimpahla zendlu yakho? Yibeke apha phambi kwabazalwana bam, nabazalwana bakho, bahlule phakathi kwethu sobabini.

38. Le minyaka imashumi mabini bendinawe; iimazi zakho zeegusha, neemazi zeebhokhwe aziphunzanga, neenkunzi zempahla yakho emfutshane andizidlanga.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 31