Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 31:12-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Sathi, Khawuphakamise amehlo akho, ubone; zonke iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose; kuba ndizibonile zonke izinto azenzayo uLabhan kuwe.

13. NdinguThixo waseBheteli, apho wasithambisa khona isimiso, apho wabhambathisa ngesibhambathiso kum. Suka ngoko, uphume kweli lizwe, ubuyele ezweni lokuzalwa kwakho.

14. Baphendula uRakeli noLeya, bathi kuye, Sisenasabelo nalifa lini na endlwini kabawo?

15. Àkuthiwa singabasemzini kuye yini na? Kuba úthengise ngathi, wamana eyidla nemali yethu.

16-19. Ngokokuze bonke ubutyebi abuhluthileyo uThixo kubawo, bube bobethu, noboonyana bethu, kaloku ke konke akuthethileyo uThixo kuwe kwénze.Wesuka uYakobi wabakhwelisa oonyana bakhe, nabafazi bakhe, ezinkameleni. Waqhuba yonke impahla yakhe, nayo yonke ingqwebo yakhe abeyiqwebile, impahla abeyifuyile, abeyiqwebile ePadan-aram, ukuze aye kuIsake uyise ezweni lakwaKanan. ULabhan ubeye kucheba impahla yakhe emfutshane; uRakeli wayiba imilonde-kaya ebiyekayise.

20. UYakobi wamlalanisa uLabhan umAram*, ekubeni engamxelelanga ukuba uyabaleka.

21. Wabaleka ke, yena nako konke abenako; wesuka, wawuwela uMlambo,* wabubhekisa ubuso bakhe entabeni yaseGiliyadi.

22. Waxelelwa uLabhan ngomhla wesithathu ukuba uYakobi ubalekile.

23. Wathabatha abazalwana bakhe, wamphuthuma uhambo lwemihla esixhenxe; bafumanana entabeni yaseGiliyadi.

24. Weza uThixo kuLabhan umAram ephupheni ebusuku, wathi kuye, Zilumkele, ungathethi nto kuYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.

25. ULabhan wafika kuYakobi. Ke kaloku uYakobi ubeyigxumekile intente yakhe entabeni; uLabhan nabazalwana bakhe bagxumeka entabeni yaseGiliyadi.

26. Wathi uLabhan kuYakobi, Wenza ntoni na ukundilalanisa, uziqhube iintombi zam njengabathinjwe ngekrele?

funda isahluko epheleleyo Igenesis 31