Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 27:4-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. undenzele ukudla okunencasa, njengoko ndikuthandayo, ukuzise kum, ndidle; ukuze umphefumlo wam ukusikelele ndingekafi.

5. Ke kaloku uRebheka wayesiva ukuba uIsake uthetha kuEsawu unyana wakhe.UEsawu waya kuzingela inyamakazi ezindle, ukuba ayizise.

6. URebheka wathetha kuYakobi, unyana wakhe, wathi, Yabona, ndive uyihlo ethetha kuEsawu umkhuluwa wakho,

7. esithi, Ndizisele inyamakazi, undenzele ukudla okunencasa, ndidle, ndikusikelele phambi koYehova ndingekafi.

8. Ngoko ke, nyana wam, liphulaphule izwi lam ngento endikuwisela umthetho ngayo.

9. Khawuhambe uye emhlambini, undithabathele khona amatakane amabini ebhokhwe alungileyo, ndenzele uyihlo ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo;

10. ukusé kuyihlo, adle, ukuze akusikelele engekafi.

11. Wathi uYakobi kuRebheka unina, Yabona, uEsawu umkhuluwa wam yindoda exhonti, mna ndiyindoda egudileyo.

12. Mhlawumbi ubawo wondiva, ndibe njengomgculeli emehlweni akhe, ndizizisele intshwabulelo, ndingaziziseli intsikelelo.

13. Wathi unina kuye, Makube phezu kwam ukushwatyulelwa kwakho, nyana wam; phulaphula izwi lam wena, uye undithabathele.

14. Waya wawathabatha, wawazisa kunina; unina wenza ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo uyise.

15. URebheka wathabatha iingubo zikaEsawu, unyana wakhe omkhulu, ezinqwenelekayo, ezibe zikuye endlwini, wamambathisa uYakobi unyana wakhe omnci.

16. Izìntsu zamatakane lawo ebhokhwe wambathisa ngazo izandla zakhe, nendawo egudileyo yentamo yakhe;

17. wabeka esandleni sikaYakobi unyana wakhe ukudla okunencasa, nesonka abesenzile.

18. Weza kuyise, wathi, Bawo! Wathi yena, Ndilapha. Ungubani na, nyana wam?

19. Wathi uYakobi kuyise, NdinguEsawu, amazibulo akho; ndenzé njengoko wathetha ngako kum; khawuvuke ke, uhlale, udle inyamakazi yam, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.

20. Wathi uIsake kunyana wakhe, Kutheni na le nto ukhawulezileyo ukuyifumana nyana wam? Wathi yena, uYehova uThixo wakho undithamsanqelisile.

21. Wathi uIsake kuYakobi, Khawusondele, ndikuve, nyana wam, ukuba unguye na kanye unyana wam uEsawu, akunguye, kusini na?

22. Wasondela uYakobi kuIsake uyise, wamva, wathi, Ilizwi lona lilizwi likaYakobi, kodwa izandla zizandla zikaEsawu.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 27