Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 27:18-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Weza kuyise, wathi, Bawo! Wathi yena, Ndilapha. Ungubani na, nyana wam?

19. Wathi uYakobi kuyise, NdinguEsawu, amazibulo akho; ndenzé njengoko wathetha ngako kum; khawuvuke ke, uhlale, udle inyamakazi yam, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.

20. Wathi uIsake kunyana wakhe, Kutheni na le nto ukhawulezileyo ukuyifumana nyana wam? Wathi yena, uYehova uThixo wakho undithamsanqelisile.

21. Wathi uIsake kuYakobi, Khawusondele, ndikuve, nyana wam, ukuba unguye na kanye unyana wam uEsawu, akunguye, kusini na?

22. Wasondela uYakobi kuIsake uyise, wamva, wathi, Ilizwi lona lilizwi likaYakobi, kodwa izandla zizandla zikaEsawu.

23. Àkamnakana ke, kube izandla zakhe zaba noboya, njengezandla zikaEsawu umkhuluwa wakhe; wamsikelela ke.

24. Wathi, Wena lo ùngunyana wam uEsawu na?

25. Wathi yena, Ndinguye. Wathi, Sondeza kum ndidle inyamakazi yonyana wam, ukuze umphefumlo wam ukusikelele. Wayisondeza kuye, wadla, wamzisela newayini, wasela.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 27