Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 22:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wazithabatha uAbraham iinkuni zedini elinyukayo, wazibeka phezu koIsake unyana wakhe, waphatha umlilo ngesandla, nesitshetshe, bahamba bobabini ndawonye.

7. Watsho uIsake kuAbraham uyise ukuthi, Bawo. Wathi yena, Ndilapha, nyana wam. Wathi, Nangu umlilo neenkuni; iphi na ke imvu yedini elinyukayo?

8. Wathi uAbraham, UThixo wozibonela imvu yedini elinyukayo, nyana wam. Bahamba bobabini ndawonye.

9. Bafika endaweni abemxelele yona uThixo, wákha khona uAbraham isibingelelo, wazicwangcisa iinkuni, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka esibingelelweni phezu kweenkuni.

10. Wasolula uAbraham isandla sakhe, wathabatha isitshetshe, ukuba amsike unyana wakhe.

11. Samemeza kuye isithunywa sikaYehova sisemazulwini, sathi, Abraham, Abraham.

12. Wathi, Ndilapha. Sathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, kuba ndiyazi ngoku ukuba ùyamoyika uThixo; akunqabanga nonyana wakho kum, emnye kuwe.

13. UAbraham waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nantso inkunzi yegusha ngasemva, ibambeke ngeempondo etyholweni; waya uAbraham, wayithabatha inkunzi yegusha, wayinyusa ukuba ibe lidini elinyukayo esikhundleni sonyana wakhe.

14. UAbraham wathi igama laloo ndawo linguYehova-ozibonelayo, ekuthiwa nanamhla, Entabeni abonakala kuyo uYehova.

15. Samemeza isithunywa sikaYehova kuAbraham okwesibini sisemazulwini, sathi,

16. Ndizifungile, utsho uYehova, ngenxa enokuba uyenzile le nto, akwanqaba nonyana wakho, emnye kuwe:

funda isahluko epheleleyo Igenesis 22