Watsho uIsake kuAbraham uyise ukuthi, Bawo. Wathi yena, Ndilapha, nyana wam. Wathi, Nangu umlilo neenkuni; iphi na ke imvu yedini elinyukayo?