Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 22:3-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wavuka uAbraham kusasa, walibopha iesile lakhe, wathabatha amabini kumadodana akhe, noIsake unyana wakhe, wacanda iinkuni zedini elinyukayo, wesuka waya endaweni abemxelele yona uThixo.

4. Ngomhla wesithathu uAbraham wawaphakamisa amehlo akhe, wayibona loo ndawo ikude.

5. Wathi uAbraham kumadodana akhe, Hlalani nina apha ne-esile; mna nomfana lo soya phaya, sinqule, sibuye size kuni.

6. Wazithabatha uAbraham iinkuni zedini elinyukayo, wazibeka phezu koIsake unyana wakhe, waphatha umlilo ngesandla, nesitshetshe, bahamba bobabini ndawonye.

7. Watsho uIsake kuAbraham uyise ukuthi, Bawo. Wathi yena, Ndilapha, nyana wam. Wathi, Nangu umlilo neenkuni; iphi na ke imvu yedini elinyukayo?

8. Wathi uAbraham, UThixo wozibonela imvu yedini elinyukayo, nyana wam. Bahamba bobabini ndawonye.

9. Bafika endaweni abemxelele yona uThixo, wákha khona uAbraham isibingelelo, wazicwangcisa iinkuni, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka esibingelelweni phezu kweenkuni.

10. Wasolula uAbraham isandla sakhe, wathabatha isitshetshe, ukuba amsike unyana wakhe.

11. Samemeza kuye isithunywa sikaYehova sisemazulwini, sathi, Abraham, Abraham.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 22