Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 21:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uYehova wamvelela uSara njengoko ebetshilo; uYehova wamenzela uSara njengoko abekuthethile.

2. Wamitha ke uSara, wamzalela uAbraham unyana ekwaluphaleni kwakhe, ngexesha elimisiweyo abelithethile uThixo kuye.

3. UAbraham wamthiya loo nyana wakhe abemzalelwe, awamzalayo uSara, igama elinguIsake.*

4. UAbraham wamalùsa uIsake unyana wakhe, akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, njengoko uThixo abemwisele umthetho.

5. UAbraham ube eminyaka ilikhulu, ukuzalelwa kwakhe uIsake unyana wakhe.

6. Wathi uSara, Úndihlekisile uThixo; bonke abakuvayo oku baya kuhleka nam.

7. Wathi, Nugbani na obengátshoyo kuAbraham ukuthi, uSara wanyisa abantwana? Ngokuba ndimzalele unyana ekwaluphaleni kwakhe.

8. Wakhula umntwana, walunyulwa; uAbraham wenza isidlo esikhulu mhlana walunyulwayo uIsake.

9. USara wambona unyana kaHagare umYiputazana, awamzalela uAbraham, ehlekisa.

10. Wathi kuAbraham, Mgxothe umkhonzazana nonyana wakhe; kuba unyana waló mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake.

11. Lâlibi kunene elo zwi emehlweni ka-Abraham ngenxa yonyana wakhe.

12. Wathi uThixo kuAbraham, Malingabi libi emehlweni akho ngenxa yenkwenkwe, nangenxa yomkhonzazana wakho. Entweni yonke ayithethileyo uSara kuwe, phulaphula izwi lakhe, ngokuba iya kuba ngoIsake lo imbewu kuwe.

13. Kananjalo unyana womkhonzazana ndiya kumenza uhlanga, ngokuba eyimbewu yakho.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 21