Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 17:16-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ndiya kumsikelela; kananjalo ndikùnike unyana ngaye, ndimsikelele, abe ziintlanga, kuphume ookumkani bezizwe kuye.

17. UAbraham wawa ngobuso bakhe, wahleka, wathi entliziyweni yakhe, Azi umntu ominyaka ilikhulu wozalelwa na? Azi uSara, intokazi eminyaka imashumi asithoba, angazala na?

18. Wathi uAbraham kuThixo, Wanga uIshmayeli angadla ubomi phambi kwakho!

19. Wathi uThixo, Ewe, uSara umkakho úya kukuzalela unyana, umbize ngegama lokuba nguIsake;* ndíwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso ongunaphakade kwimbewu yakhe emva kwakhe.

20. Ngokusingisele kuIshmayeli ndikuvile; ùyabona, ndimsikelele, ndimqhamisile, ndimandisile kakhulu kunene. Uya kuzala izikhulu ezilishumi elinazibini, ndimènze uhlanga olukhulu.

21. Umnqophiso wam wona ndowumisa noIsake, oya kumzalelwa nguSara ngeli xesha nyakenye.

22. Wagqiba ukuthetha naye. Wenyuka uThixo esuka kuAbraham.

23. UAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke abazalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, wayalùsa inyama yokwalùswa kwangaloo mini, njengoko abethethile uThixo kuye.

24. UAbraham ebeminyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, ukwalùswa kwenyama yokwalùswa.

25. UIshmayeli, unyana wakhe, ebeminyaka ilishumi elinamithathu ezelwe, ukwalùswa kwenyama yokwalùswa.

26. Kwangaloo mini walùswa uAbraham, noIshmayeli unyana wakhe.

27. Nawo onke amadoda endlu yakhe, azalelwe endlwini yakhe, nazuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, alùswa kunye naye.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 17