Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 17:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Unyana omihla isibhozo makalùswe kuni, yonke into eyindoda kwizizukulwana zenu, ezelwe endlwini, nezuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, ongengowembewu yakho yena.

13. Makalùswe ozelwe endlwini yakho, nozuzwe ngemali yakho; umnqophiso wam enyameni yenu uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade.

14. Into eyindoda engalukileyo, enyama yokwalùswa ingalùswanga, loo mphefumlo mawunqanyulwe, ungabikho ebantwini bakowawo; úwaphúle umnqophiso wam.

15. Wathi uThixo kuAbraham, USarayi umkakho akuyi kumbiza ngegama lokuba nguSarayi;* igama lakhe loba nguSara.*

16. Ndiya kumsikelela; kananjalo ndikùnike unyana ngaye, ndimsikelele, abe ziintlanga, kuphume ookumkani bezizwe kuye.

17. UAbraham wawa ngobuso bakhe, wahleka, wathi entliziyweni yakhe, Azi umntu ominyaka ilikhulu wozalelwa na? Azi uSara, intokazi eminyaka imashumi asithoba, angazala na?

18. Wathi uAbraham kuThixo, Wanga uIshmayeli angadla ubomi phambi kwakho!

19. Wathi uThixo, Ewe, uSara umkakho úya kukuzalela unyana, umbize ngegama lokuba nguIsake;* ndíwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso ongunaphakade kwimbewu yakhe emva kwakhe.

20. Ngokusingisele kuIshmayeli ndikuvile; ùyabona, ndimsikelele, ndimqhamisile, ndimandisile kakhulu kunene. Uya kuzala izikhulu ezilishumi elinazibini, ndimènze uhlanga olukhulu.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 17