Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 14:19-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Wamsikelela wathi, Makasikelelwe uAbram nguThixo Osenyangweni, uMninimazulu nehlabathi!

20. Makabongwe uThixo Osenyangweni obanikeleyo ababandezeli bakho esandleni sakho. UAbram wamnika isishumi seento zonke.

21. Wathi ukumkani waseSodom, kuAbram, Ndínike abantu, uthabathe impahla.

22. Wathi uAbram kukumkani waseSodom, Isandla sam ndisiphakamisele kuYehova uThixo Osenyangweni,

23. uMninimazulu nehlabathi, ukuba andiyi kuthabatha nosinga, nokuba ngumtya wembadada, ukuba andiyi kuthabatha kuko konke okwakho; ukuze ungàtsho ukuthi, Mna ndimtyebisile uAbram.

24. Makungabikho nto iyeyam, kuphela ibe yile nto idliweyo ngabafana, nesabelo samadoda abehamba nam, uAnere, noEshkoli, noMamre; wona makasithabathe isabelo sawo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 14