Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 14:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ngemihla ka-Amrafele ukumkani waseShinare, noAriyoki ukumkani wase-Elazare, noKedorlahomere ukumkani wakwaElam, noTidali ukumkani wamaGoyi,*

2. benza imfazwe noBhera ukumkani waseSodom, noBhirsha ukumkani waseGomora, noShinabhi ukumkani waseAdama, noShemebhere ukumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, eyiTsohare.

3. Bonke abo baqukana entilini yaseSidim, eluLwandle lweTyuwa.

4. Iminyaka elishumi elinamibini bakhonza uKedorlahomere, bathi ngomnyaka weshumi elinantathu bagwilika.

5. Ngomnyaka weshumi elinaminé weza uKedorlahomere nookumkani ababanaye, bawatshabalalisa amaRafa eAshtaroti-karnayim, namaZuzi eHam, namaEma ethafeni laseKiriyatayim,

6. namaHori entabeni yawo yakwaSehire, kwasà kwiElparan, engasentlango.

7. Bajika, beza e-En-mishpati eyiKadeshe, balitshabalalisa lonke ilizwe lakwa-Amaleki, nama-Amori abehleli eHatsetson-tamare.

8. Waphuma ukumkani waseSodom, nokumkani waseGomora, nokumkani waseAdama, nokumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, eyiTsohare, bakha uluhlu lokulwa nabo entilini yaseSidim;

9. noKedorlahomere ukumkani wakwaElam, noTidali ukumkani wamaGoyi, noAmrafele ukumkani waseShinare, noAriyoki ukumkani wase-Elazare: ookumkani abahlanu balwa nabané.

10. Ke intili yaseSidim yaye iyimingxuma yodwa yebhitumene;* basaba ookumkani, owaseSodom, nowaseGomora, beyela khona, amasalela asabela entabeni.

11. Bayithabatha yonke impahla yaseSodom, neGomora, nako konke ukudla kwabo, bemka.

12. Bamthabatha noLote, nempahla yakhe, unyana womninawa ka-Abram, bemka; kuba wayehleli eSodom.

13. Wafika osindileyo, waxelela uAbram, umHebhere; yena ebehleli eMiokini* kaMamre umAmori, umzalwana kaEshkoli, nomzalwana ka-Anere; bona ke bebengamanqophisana noAbram.

14. Weva ke uAbram, ukuba uthinjiwe umzalwana wakhe, wawaphalaza amadoda akhe aqeqeshiweyo, azalelwe endlwini yakhe, angamakhulu mathathu aneshumi elinesibhozo, wasukela, waya kufika kwaDan.

15. Wawahlulahlula, wabawela ebusuku, yena nabakhonzi bakhe, wabagxotha, wabasukela wasa eHobha, engasekhohlo kweDamasko.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 14