Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 11:13-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. UArpakishadi wahlala emveni kokuzala kwakhe uShela iminyaka emakhulu mané anamathathu, wazala oonyana neentombi.

14. UShela wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uEbhere.

15. UShela wahlala emveni kokuzala kwakhe uEbhere iminyaka emakhulu mané anamithathu, wazala oonyana neentombi.

16. UEbhere wahlala iminyaka emashumi mathathu anaminé, wazala uPelege.

17. UEbhere wahlala emveni kokuzala kwakhe uPelege iminyaka emakhulu mané anamanci mathathu, wazala oonyana neentombi.

18. UPelege wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uRehu.

19. UPelege wahlala emveni kokuzala kwakhe uRehu iminyaka emakhulu mabini anesithoba, wazala oonyana neentombi.

20. URehu wahlala iminyaka emashumi mathathu anamibini, wazala uSerugi.

21. URehu wahlala emveni kokuzala kwakhe uSerugi iminyaka emakhulu mabini anesixhenxe, wazala oonyana neentombi.

22. USerugi wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uNahore.

23. USerugi wahlala emveni kokuzala kwakhe uNahore iminyaka emakhulu mabini, wazala oonyana neentombi.

24. UNahore wahlala iminyaka emashumi mabini anesithoba, wazala uTera.

25. UNahore wahlala emveni kokuzala kwakhe uTera iminyaka elikhulu elinashumi-nye linesithoba, wazala oonyana neentombi.

26. UTera wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uAbram, noNahore, noHaran.

27. Yiyo le ke inzala kaTera: uTera wazala uAbram, noNahore, noHaran; uHaran wazala uLote.

28. Wafa uHaran esekho uTera uyise, ezweni lokuzalwa kwakhe, eUre yamaKaledi.

29. UAbram noNahore bazeka abafazi; igama lomka-Abram lalinguSarayi; igama lomkaNahore lalinguMilka, intombi kaHaran, usoMilka, usoYiska.

30. USarayi ebengazali, engenamntwana.

31. UTera wamthabatha uAbram, unyana wakhe, noLote unyana kaHaran, unyana wonyana wakhe, noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram unyana wakhe, baphuma nabo eUre yamaKaledi, besiya ezweni lakwaKanan; bafika kwelakwaHaran, bahlala khona.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 11