Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 9:14-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Kuba ngesi sihlandlo ndithuma zonke izibetho zam entliziyweni yakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengam ehlabathini lonke.

15. Kuba ngoku, ukuba bendithe ndasolula isandla sam, ndakubetha wena nabantu bakho ngendyikitya yokufa, ngewuthe shwaka akwabakho ehlabathini.

16. Noko ke ndikumisele eli thuba lokuba ndiwabonakalalise amandla am kuwe, laziswe igama lam ehlabathini lonke.

17. Unangoku usazenza udonga kubantu bam, akubandululi.

18. Yabona, eli xa ngomso ndiya kunisa isichotho esinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso eYiputa, kususela kwimini eyasekwayo kude kube ngoku.

19. Thumela ngoku, ukhawuleze, uhlanganise imfuyo yakho, neento zakho zonke onazo ezindle; bonke abantu neenkomo ezifunyenwe endle zingàhlanganiselwanga ekhaya, zohlelwa sisichotho, zife.

20. Owaloyikayo ilizwi likaYehova kubakhonzi bakaFaro, wabasabisela ezindlwini abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe.

21. Ongalibekelanga ntliziyo ilizwi likaYehova, wabayeka abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe endle.

22. Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho isichotho ezweni lonke laseYiputa phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemifuno yonke yasendle, ezweni lonke laseYiputa.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 9