Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 4:16-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Yena wokuthethela ebantwini, athi yena abe ngumlomo kuwe, uthi wena ube nguthixo kuye.

17. Ke le ntonga yiphathe ngesandla sakho; ùya kwenza ngayo imiqondiso leyo.

18. Wahamba ke uMoses, wabuyela kuYitro, uyise womkakhe, wathi kuye, Makhe ndihambe, ndibuyele kubazalwana bam abaseYiputa, ndibone ukuba basahleli na. Wathi uYitro kuMoses, Hamba ngoxolo.

19. UYehova wathi kuMoses kwaMidiyan, Hamba ubuyele eYiputa; kuba afile onke amadoda abezonda ubomi bakho.

20. UMoses wathabatha umkakhe noonyana bakhe, wabakhwelisa e-esileni, wabuyela ezweni laseYiputa; wayiphatha uMoses intonga kaThixo ngesandla sakhe.

21. Wathi uYehova kuMoses, Ekuhambeni kwakho ubuyela eYiputa, uze ukhangele ukuba uzenze phambi koFaro zonke izimanga, endizibeke esandleni sakho. Ke mna ndiya kuyenza lukhuni intliziyo yakhe, angabandululi abantu.

22. Wòthi kuFaro, Utsho uYehova ukuthi, Unyana wam wamazibulo nguSirayeli;

23. ndìthi kuwe, Mndulule unyana wam lowo, andikhonze; walilé nje ukumndulula, uyabona, ndombulala unyana wakho, amazibulo akho.

24. Kwathi, endleleni apho balalisa khona, uYehova wamhlangabeza, wafuna ukumbulala.

25. UTsipora wathabatha intshengece, wanqumla inyama yokwalùswa yonyana wakhe, wayiphosa ezinyaweni zakhe, wathi, Ungumyeni wamagazi kum.

26. Wamyeka ke. Watsho oko ukuthi, Ungumyeni wamagazi, ngenxa yolwaluko.

27. Wathi uYehova kuAron, Hamba uye kukhawulela uMoses entlango. Waya ke, wamhlangabeza entabeni kaThixo, wamanga.

28. UMoses wamxelela uAron onke amazwi kaYehova abemthume wona, nemiqondiso yonke abemwisele umthetho ngayo.

29. Wahamba uMoses noAron, bawahlanganisa onke amadoda amakhulu oonyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 4