Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 4:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wathi uYehova kuye, Ngubani na obeké umlomo emntwini? Ngubani na owenzé isidenge, nesithulu, nobonayo, nemfama? Asindim na, mna Yehova?

12. Ngoko ke hamba, ndoba nomlomo wakho mna, ndikubonise into oya kuyithetha.

13. Wathi yena, Camagu, Nkosi yam! Khawuthume ngesandla salowo womthuma.

14. Wavutha umsindo kaYehova kuMoses, wathi, Akanguye na umkhuluwa wakho uAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha. Kananjalo nanko yena ephuma eza kukukhawulela; wókubona, avuye entliziyweni yakhe.

15. Wòthetha kuye, ubeke amazwi emlonyeni wakhe; mna ndoba nomlomo wakho nomlomo wakhe, ndinibonise into eniya kuyenza.

16. Yena wokuthethela ebantwini, athi yena abe ngumlomo kuwe, uthi wena ube nguthixo kuye.

17. Ke le ntonga yiphathe ngesandla sakho; ùya kwenza ngayo imiqondiso leyo.

18. Wahamba ke uMoses, wabuyela kuYitro, uyise womkakhe, wathi kuye, Makhe ndihambe, ndibuyele kubazalwana bam abaseYiputa, ndibone ukuba basahleli na. Wathi uYitro kuMoses, Hamba ngoxolo.

19. UYehova wathi kuMoses kwaMidiyan, Hamba ubuyele eYiputa; kuba afile onke amadoda abezonda ubomi bakho.

20. UMoses wathabatha umkakhe noonyana bakhe, wabakhwelisa e-esileni, wabuyela ezweni laseYiputa; wayiphatha uMoses intonga kaThixo ngesandla sakhe.

21. Wathi uYehova kuMoses, Ekuhambeni kwakho ubuyela eYiputa, uze ukhangele ukuba uzenze phambi koFaro zonke izimanga, endizibeke esandleni sakho. Ke mna ndiya kuyenza lukhuni intliziyo yakhe, angabandululi abantu.

22. Wòthi kuFaro, Utsho uYehova ukuthi, Unyana wam wamazibulo nguSirayeli;

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 4