Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 39:12-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. ukrozo lwesithathu lwaba yihakinto,* neagati,* neametiste;*

13. ukrozo lwesiné lwaba yikrizolite,* nebherilo, neyaspisi;* abhijelwa ngomluko wegolide ezimfakweni zawo.

14. Amatye lawo amiswa ngokwamagama oonyana bakaSirayeli abalishumi elinababini, ngokwamagama abo; aba nokrolo lomsesane wokutywina, lathi elo laba negama lalo, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini.

15. Benza elubengweni intsontelo ethe shinyi, umsebenzi osontiweyo ngegolide ecocekileyo.

16. Benza imiluko yamibini ngegolide, namakhonkco amabini ngegolide, bawafaka loo makhonkco mabini emancamini omabini obengo.

17. Bazifaka iintsontelo zombini zegolide emakhonkcweni omabini asemancamini obengo;

18. namancam omabini eentsontelo zombini bawafaka emilukweni yomibini, bayifaka ezizibeni zamagxa ze-efodi, ngaphambili.

19. Benza amakhonkco amabini ngegolide, bawafaka emancamini omabini obengo, emphethweni walo okwicala elikhangelene ne-efodi, elibheke ngaphakathi.

20. Benza amanye amakhonkco amabini ngegolide, bawafaka ezizibeni zamagxa zozibini ze-efodi ngaphantsi, mayela nomphambili wayo, kufuphi nokuhlangana kwayo, entla kombhinqo we-efodi.

21. Balunxibelela ubengo ngamakhonkco alo, emakhonkcweni e-efodini, ngentsontelo yemisonto emsi, lwaba sentla kombhinqo we-efodi, ukuze lungasuki ubengo kuyo iefodi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

22. Benza ingubo yokwaleka ye-efodi, umsebenzi womluki, yonke ngemisonto emsi.

23. Umqala wengubo yokwaleka waba sesazulwini sayo, njengomqala wesigcina-sifuba; waba nomphetho owujikelezileyo umqala, ukuze ungakrazuki.

24. Benza emqukumbelweni wengubo yokwaleka iirharnate ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ephothiweyo.

25. Benza namankenteza egolide ecocekileyo, bawabeka amankenteza phakathi kweerharnate emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza phakathi kweerharnate:

26. yaba linkenteza nerharnate, inkenteza nerharnate, emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza; ukuba kulungiselelwe njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 39