Benza amanye amakhonkco amabini ngegolide, bawafaka ezizibeni zamagxa zozibini ze-efodi ngaphantsi, mayela nomphambili wayo, kufuphi nokuhlangana kwayo, entla kombhinqo we-efodi.