Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 36:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Bathabatha, ebusweni bukaMoses, yonke imirhumo ababeyizisile oonyana bakaSirayeli emsebenzini wenkonzo yengcwele ukuba yenziwe. Baye bona bezisa kuye imiso ngemiso iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.

4. Zeza ke zonke izilumko ezibe ziyisebenza yonke imisebenzi yengcwele, saseso savela emsebenzini waso esibe siwusebenza;

5. zatsho kuMoses ukuthi, Abantu bazisa ngaphezulu kakhulu kokwanele ukusetyenzwa komsebenzi, awise umthetho ngawo uYehova ukuba wenziwe.

6. Wawisa umthetho uMoses, ukuba kuhanjiswe ilizwi eminqubeni, lisithi, Amadoda nabafazi mabangabi senza mpahla yamrhumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa.

7. Impahla yazanela izinto zonke, emisebenzini yonke, ukuba bayenze, yada yasala.

8. Bonke abantliziyo zilungileyo, phakathi kwabenza imisebenzi, bawenza umnquba, amalengalenga aba lishumi, ngelinen ecikizekileyo ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, benza iikerubhi,* umsebenzi wengcibi yokuluka.

9. Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite* ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite eziné, amalengalenga alingana onke.

10. Bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye; bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye.

11. Benza amasango ngemisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni ekuhlanganeni; benjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini.

12. Benza amasango aba mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga, benza namasango aba mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini; amasango alungelelana, elinye nelinye.

13. Benza amagwegwe egolide aba mashumi mahlanu; bawahlanganisa amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, waba mnquba mnye.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 36