Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 36:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Benza amasango ngemisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni ekuhlanganeni; benjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini.

12. Benza amasango aba mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga, benza namasango aba mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini; amasango alungelelana, elinye nelinye.

13. Benza amagwegwe egolide aba mashumi mahlanu; bawahlanganisa amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, waba mnquba mnye.

14. Benza amalengalenga ngoboya beebhokhwe, aba yintente phezu komnquba; bawenza amalengalenga alishumi elinalinye.

15. Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mathathu, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite eziné; loo malengalenga alishumi elinalinye alingana.

16. Bawahlanganisa amalengalenga amahlanu odwa, namalengalenga omathandathu odwa.

17. Benza amasango amashumi mahlanu emphethweni welengalenga eli lokugqibela ekuhlanganeni, benza namasango amashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga, elihlanganiswe nelinye.

18. Benza amagwegwe obhedu amashumi mahlanu, ukuba ihlanganiswe intente, ibe nye.

19. Bayenzela intente isigubungelo ngezìntsu zeekunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi ngaphezulu kweso.

20. Umnquba bawenzela iiplanga ngomngampunzi, zema.

21. Ubude beplanga baba ziikubhite ezilishumi, ububanzi beplanga inye baba yikubhite enesiqingatha.

22. Iplanga inye yaneempondlo ezimbini, zahlangana olunye nolunye; benjenjalo eziplangeni zonke zomnquba.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 36