1. Ke umnquba uze uwenze ngeshumi lamalengalenga elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, nangemisonto emsi nemfusa nebomvu. Wowenzela iikerubhi umsebenzi wengcibi yokuluka.
2. Ubude belengalenga lilinye boba ziikubhite* ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye bube ziikubhite eziné; onke amalengalenga alingane.
3. Amalengalenga amahlanu ohlanganiswa, elinye nelinye; namalengalenga amahlanu ohlanganiswa, elinye nelinye.
4. Uze wenze amasango emisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni, ekuhlanganeni; wenjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini.