Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 2:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wathi, akuba engasenako ukumfihla, wamthabathela umkhombe wemikhanzi, wawutyabeka ngebhitumene* netywina, wamfaka kuwo umntwana, wawubeka engcotyeni, elunxwemeni lomlambo.

4. Udade wabo wema mgama, ukuze ayazi into eya kwenzeka kuye.

5. Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha.

6. Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo, yathi, Ngumntwana wamaHebhere lo.

7. Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, Ndíye kukubizela na umfazi wamaHebhere onokwanyisa, akwanyisele umntwana?

8. Yathi intombi kaFaro kuye, Yiya. Yaya ke intombi leyo, yabiza unina womntwana.

9. Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umanyise; ndokunika umvuzo wakho mna. Umfazi lowo wamthabatha umntwana, wamanyisa.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 2