Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 2:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwaphuma umfo wendlu kaLevi, wazeka intombi yakwaLevi.

2. Wamitha umfazi lowo, wazala unyana; wambona ukuba mhle, wamfihla iinyanga ezintathu.

3. Wathi, akuba engasenako ukumfihla, wamthabathela umkhombe wemikhanzi, wawutyabeka ngebhitumene* netywina, wamfaka kuwo umntwana, wawubeka engcotyeni, elunxwemeni lomlambo.

4. Udade wabo wema mgama, ukuze ayazi into eya kwenzeka kuye.

5. Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha.

6. Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo, yathi, Ngumntwana wamaHebhere lo.

7. Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, Ndíye kukubizela na umfazi wamaHebhere onokwanyisa, akwanyisele umntwana?

8. Yathi intombi kaFaro kuye, Yiya. Yaya ke intombi leyo, yabiza unina womntwana.

9. Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umanyise; ndokunika umvuzo wakho mna. Umfazi lowo wamthabatha umntwana, wamanyisa.

10. Wakhula umntwana, wamsa ke kwintombi kaFaro, waba ngunyana wayo. Yamthiya igama elinguMoses,* yathi, Ndamrhola emanzini.

11. Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe.

12. Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 2