Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 15:14-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Zivile izizwe, ziyangqunga,Abemi baseFilisti babanjwe kukuzibhijabhija,

15. Zaza zakhwankqa izikhulu zakwaEdom;Iinjengele zakwaMowabhi zabanjwa kukuthuthumela,Bathá amandla bonke abemi belakwaKanan.

16. Bawelwa kukudenga nakukunkwantya,Ngenxa yobukhulu bengalo yakho bathi cwaka njengelitye,Bade badlule abantu bakho, Yehova,Bade badlule abo bantu ubazuzileyo.

17. Uya kubangenisa, ubatyale entabeni yelifa lakho,Endaweni oyenzele ukuba uhlale kuyo, Yehova,Engcweleni eziyilungisileyo izandla zakho.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 15