Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 13:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYehova wathetha kuMoses, wathi,

2. Ndíngcwalisele onke amazibulo, yonke into evula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, kumntu nakwinkomo; yeyam.

3. Wathi uMoses ebantwini, Yikhumbuleni le mini niphumé ngayo eYiputa, endlwini yobukhoboka; kuba uYehova unikhuphe kule ndawo ngesithe nkqi isandla; ize ke kungàdliwa nto inegwele.

4. Lo ngumhla eniphume ngawo ngenyanga enguAbhibhi.

5. Kothi, xa uYehova anifikisileyo ezweni lamaKanan, lamaHiti, lama-Amori, lamaHivi, lamaYebhusi, awalifungela ooyihlo ukubanika, izwe elibaleka amasi nobusi, ukhonze ngale nkonzo kule nyanga:

6. nidle izonka ezingenagwele iintsuku ezisixhenxe; ke usuku lwesixhenxe lungumthendeleko kuYehova;

7. izonka ezingenagwele zodliwa iintsuku ezisixhenxe; kungàbonwa kuwe nto inegwele, kungàbonwa gwele kuwe emideni yakho yonke.

8. Uze umxelele unyana wakho ngaloo mini, uthi, Ndikwenza oku ngenxa yoko uYehova wakwenzayo kum ekuphumeni kwam eYiputa;

9. kuze kube ngumqondiso kuwe osesandleni sakho, ube sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, ukuze umyalelo kaYehova ube semlonyeni wakho; kuba uYehova ukukhuphe eYiputa ngesithe nkqi isandla.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 13