Wathi uMoses ebantwini, Yikhumbuleni le mini niphumé ngayo eYiputa, endlwini yobukhoboka; kuba uYehova unikhuphe kule ndawo ngesithe nkqi isandla; ize ke kungàdliwa nto inegwele.