Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 10:19-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. UYehova wawuguqula umoya, waba ngowasentshonalanga onamandla kunene, wazithwala iinkumbi, wazidiba eLwandle oluBomvu;* akwasala nanye inkumbi, emideni yonke yaseYiputa.

20. Wayenza lukhuni uYehova intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli.

21. Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, ubumnyama obungqingqwa.

22. Wasolulela uMoses insandla sakhe ezulwini; kwabakho ubumnyama obusithokothoko ezweni lonke laseYiputa imihla emithathu.

23. Àbabonana; àkwasuka bani endaweni yakhe imihla emithathu; ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli kwabakho ukukhanya emakhayeni abo.

24. UFaro wabiza uMoses, wathi, Hambani niye kukhonza uYehova; kodwa impahla yenu emfutshane neenkomo zenu mazisale; nayo intsapho yenu yohamba nani.

25. Wathi uMoses, Wena uze usinike imibingelelo namadini anyukayo ezandleni zethu, sibingelele kuYehova uThixo wethu;

26. nemfuyo yethu ihambe nathi; akuyi kusala nophuphu olunye; kuba sothabatha kuyo ukukhonza uYehova uThixo wethu; kuba thina asazi ukuba somkhonza ngantoni na uYehova, side sifike khona.

27. UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, àkavuma ukubandulula.

28. Wathi uFaro kuye, Hamba umke kum, uze uzigcine, ungaphindi ububone ubuso bam; kuba mhlana ububonileyo ubuso bam uya kufa.

29. Wathi uMoses, Utyaphile utsho; andisayi kuphinda ndibubone ubuso bakho.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 10