Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 10:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Makungabi njalo; makuhambe nina bangamadoda, niye kukhonza uYehova; kuba nibe nifuna oko. Bagxothwa, baphuma ebusweni bukaFaro.

12. Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kwelizwe laseYiputa, kuze iinkumbi, zinyuke kulo ilizwe laseYiputa, ziyidle yonke imifuno yelizwe eli, yonke into eshiywe sisichotho.

13. Wayolula uMoses intonga yakhe phezu kwelizwe laseYiputa, uYehova waqhuba umoya wasempumalanga kwelo lizwe yonke loo mini nobusuku bonke; kwakusa, umoya wasempumalanga wazithwala iinkumbi.

14. Zenyuka iinkumbi kulo lonke ilizwe laseYiputa; zeza zahlala emideni yonke yaseYiputa, zininzi kunene; ekungazanga phambi kwazo kubekho zinkumbi zingako, kwabe emva kwazo kungasayi kubakho zinjalo.

15. Zabugubungela ubuso belizwe lonke, laba mnyama ilizwe; zayidla yonke imifuno yelizwe neziqhamo zonke zemithi, ezazishiywe sisichotho; àkwasala nanye into eluhlaza emthini nasemifunweni yasendle, ezweni lonke laseYiputa.

16. Wakhawuleza uFaro wabiza uMoses noAron, wathi, Ndonile kuYehova uThixo wenu nakuni.

17. Kaloku khanisixolele isono sam okwesi sihlandlo sodwa, nithandaze kuYehova uThixo wenu, akususe kum oku kufa kodwa.

18. Waphuma kuFaro, wathandaza kuYehova.

19. UYehova wawuguqula umoya, waba ngowasentshonalanga onamandla kunene, wazithwala iinkumbi, wazidiba eLwandle oluBomvu;* akwasala nanye inkumbi, emideni yonke yaseYiputa.

20. Wayenza lukhuni uYehova intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli.

21. Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, ubumnyama obungqingqwa.

22. Wasolulela uMoses insandla sakhe ezulwini; kwabakho ubumnyama obusithokothoko ezweni lonke laseYiputa imihla emithathu.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 10