Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 5:22-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Loo mazwi wawathetha uYehova ebandleni lenu lonke entabeni leyo, phakathi komlilo, efini nasesithokothokweni, ngezwi elikhulu, àkongeza; wawabhala emacwecweni amatye amabini, wawanika mna.

23. Kwathi, nakuliva ilizwi phakathi kobumnyama, intaba isitsha ngumlilo, nasondela kum, zonke iintloko zezizwe zakowenu, namadoda amakhulu akowenu;

24. nathi, Yabona, uYehova uThixo wethu usibonisile ubuqaqawuli bakhe nobukhulu bakhe, nelizwi lakhe silivile phakathi komlilo. Namhla sibonile ukuba uYehova uyathetha nomntu, aphile noko.

25. Ngoko yini na ukuba sife? Ngokuba lo mlilo mkulu uya kusidla; ukuba sithe saphinda saliva ilizwi likaYehova uThixo wethu, sofa.

26. Kuba ngubani na enyameni yonke, owakha waliva ilizwi likaThixo ohleliyo, ethetha phakathi komlilo, njengathi, waphila noko?

27. Sondela wena, uve konke okuthethwa nguYehova uThixo wethu, ukuthethe wena kuthi; konke aya kukuthetha uYehova uThixo wethu kuwe, sokuva sikwenze.

28. Waliva ke uYehova izwi lokuthetha kwenu ekuthetheni kwenu kum; wathi uYehova kum, Ndilivile izwi lokuthetha kwaba bantu abakuthethileyo kuwe; bakulungisile konke abakuthethileyo.

29. Akwaba bebenale ntliziyo yokundoyika, nokuyigcina imithetho yam yonke, imihla yonke, ukuze kulúnge kubo noonyana babo ngonaphakade!

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 5