Loo mazwi wawathetha uYehova ebandleni lenu lonke entabeni leyo, phakathi komlilo, efini nasesithokothokweni, ngezwi elikhulu, àkongeza; wawabhala emacwecweni amatye amabini, wawanika mna.