Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 33:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Le yintsikelelo kaYuda, wathi,Yiva, Yehova, izwi likaYuda,Umngenise kubantu bakowabo;Úyabalwela ngezandla zakhe;Ùmnceda wena kubabandezeli bakhe.

8. Wathi ngoLevi,IiTumim zakho neeUrim* zakho zezomntu wakho wenceba,Owamlingayo eMasa,*Wabambana naye emanzini aseMeribha.*

9. Lowo uthi kuyise nakunina, Andikuboni;Akatheni nabazalwana bakhe,Akabazi noonyana bakhe;Ngokuba egcine intetho yakho,Wabamba umnqophiso wakho.

10. Baya kumyala uYakobi ngamasiko akho, Bamyale uSirayeli ngomyalelo wakho,Babeke isiqhumiso ezimpumlweni zakho,Namadini apheleleyo esibingelelweni sakho.

11. Sikelela, Yehova, amandla akhe,Ukholeke kuwe umsebenzi wezandla zakhe.Baphaluswe emanqeni abavukelana naye,Nabamthiyileyo bangabi nakuvuka.

12. NgoBhenjamin wathi,Intanda kaYehova iya kuhlala kuye ikholosile;Úyikhúsele imini yonke,Ihlala phakathi kwamagxa akhe.

13. NgoYosefu wathi,Malisikelelwe nguYehova ilizwe lakheNgezinto ezinconywayo zezulu;Ngombethe nangamanzi enzonzobila elele ezantsi,

14. Nangezinconywayo eziveliswa lilanga,Nangezinconywayo ezihlunyiswa ziinyanga,

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 33