Lowo uthi kuyise nakunina, Andikuboni;Akatheni nabazalwana bakhe,Akabazi noonyana bakhe;Ngokuba egcine intetho yakho,Wabamba umnqophiso wakho.