Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 33:15-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Nangeencopho zeentaba zamandulo,Nangezinconywayo zeenduli ezingunaphakade,

16. Nangezinconywayo zomhlaba nenzaliseko yawo.Nekholo lowahlala etyholweniMalifike entlokweni kaYosefu,Naselukakayini lwalowo ubalulekileyo kubazalwana bakhe.

17. Eyamazibulo inkunzi yakhe, hayi, ubungangamsha bayo!Ziimpondo zenqu iimpondo zayo;Ngazo ihlaba izizwe, ngaxa-nye iziphelo zehlabathi.Ngamawaka alishumi akwaEfrayim ke lawo.Ngamawaka akwaManase ke lawo.

18. NgoZebhulon wathi,Vuya, Zebhulon, ngokuphuma kwakho;Vuya, Isakare, ngeentente zakho.

19. Baya kumema izizwe, zize entabeni,Babingelele khona imibingelelo yobulungisa;Ngokuba besanya ubutyebi beelwandleNezinto eziselelwe entlabathini.

20. NgoGadi wathi,Makabongwe owandisa uGadi.Ubuthuma njengengonyamakazi,Adlavule umkhono, ewe, nokakayi.

21. Wazibonela isahlulo esiyingqalo;Ngokuba besibekwe khona isabelo sommisi-mthetho.Weza kwiintloko zabantu,Wenza ubulungisa bukaYehova,Namasiko akhe ndawonye namaSirayeli.

22. Wathi ngoDan,UDan lithole lengonyama;Usuka umtsi eBhashan.

23. NgoNafetali wathi,Nafetali, ukholisiweyo kanye,Uzeleyo yintsikelelo kaYehova,Wòluhlutha ulwandle nomzantsi.

24. NgoAshere wathi,Úsikelelwe ngaphezu koonyana uAshere;Makabe likholo phakathi kwabazalwana bakhe,Athi nkxu unyawo lwakhe eolini.

25. Imivalo yakho yoba sisinyithi nobhedu,Kube ngangeemini zakho ukonwaba kwakho.

26. Akukho unjengoThixo, Yeshurun,Ulokhwela emazulwini eluncedo lwakho,Ulokhwela esibhakabhakeni enobungangamsha bakhe.

27. Likhaya uThixo wamandulo,Ngaphantsi ziingalo ezingunaphakade.Ugxotha utshaba ebusweni bakho;Uthi, Tshabalalisa!

28. USirayeli uhlala ekholosile,Uwodwa umthombo kaYakobi,Usinga ezweni lengqolowa newayini entsha;Inene izulu lalo liqhoqhoza umbethe.

29. Ùnoyolo, Sirayeli!Ngubani na onjengawe, bantu basindiswe nguYehova,Ikhaka loncedo lwakho,Ikrele lobungangamsha bakho.Ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho,Unyathele ke wena emimangweni yazo.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 33