Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 28:57-61 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

57. nonyana wayo, nentombi yayo, ngenxa yomkhaya wayo ophuma phakathi kweenyawo zayo, nangenxa yabantwana bayo ethe yabazala; kuba yobadla ngasese ekuswelekeni kweento zonke, ekungqingweni nasekuxinweni olokuxina ngako utshaba lwakho emasangweni akho.

58. Ukuba ùthe akwagcina ukuwenza onke amazwi alo myaleleo, abhaliweyo kule ncwadi, ukuba uloyike eli gama lizukileyo, loyikekayo, UYEHOVA UTHIXO WAKHO:

59. uYehova wozenza zibaluleke izibetho zakho, nezibetho zembewu yakho, zibe zizibetho ezikhulu ezihlala zihleli, nezifo ezibi ezihlala zihleli;

60. akubuyisele ke bonke ubulwelwe baseYiputa owanxunguphala bubo, buthi nama kuwe.

61. Nazo zonke izifo nezibetho zonke ezingàbhaliweyo encwadini yalo myalelo, wózinyusa uYehova phezu kwakho ude utshabalale;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 28