Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 28:37-56 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. ube ngummangaliso, nondaba-mlonyeni, nento yentsini, phakathi kwezizwe zonke athe uYehova wakuqhubela kuzo.

38. Wòphuma nembewu eninzi uye entsimini, uvune into encinane; ngokuba iya kunqunquthwa ziinkumbi.

39. Wòtyala izidiliya, uzisebenze, ungaseli wayini noko, ungavuni zidiliya; ngokuba ziya kudliwa ngukruxeshe.

40. Wòba neminquma emideni yakho yonke, ungazithambisi ngeoli noko; ngokuba iminquma yakho iya kunyothulwa.

41. Wòzala oonyana neentombi, ungabi nabo noko; ngokuba baya kuthinjwa.

42. Yonke imithi yakho, nesiqhamo somhlaba wakho, sohluthwa ziinkumbi.

43. Owasemzini ophakathi kwakho wokunyuka, aye enyuka ngokunyuka; wena uye usihla ngokuhla.

44. Wókuboleka yena, ungamboleki wena; wóba yintloko yena, ube ngumsila wena.

45. Zoza ke phezu kwakho ezo ziqalekiso zonke, zikusukele, zikufumane ude utshabalale; ngokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine imithetho yakhe nemimiselo yakhe akuwiseleyo;

46. zibe ngumqondiso nezimanga kuwe, nakwimbewu yakho kude kuse ephakadeni;

47. ngenxa yokuba ungamkhonzanga uYehova uThixo wakho ngokuvuya, nangokuchwayitha kwentliziyo, ngenxa yobuninzi bezinto zonke.

48. Wòkhonza iintshaba zakho, ezo aya kuzithumela kuwe uYehova, ulambile, unxaniwe, uhamba zé, uswele zonke izinto, abeke idyokhwe yesinyithi entanyeni yakho, ade akutshabalalise.

49. UYehova wokuzisela uhlanga oluvela kude, esiphelweni sehlabathi, olutshwebeleza njengokhozi; uhlanga olulwimi ungayi kuluva;

50. uhlanga olubuso bungwanyalala, olungakhethi buso bandoda inkulu, olungabi nakubabala namfama.

51. Lodla isiqhamo senkomo yakho, nesiqhamo somhlaba wakho, ude utshabalale; lungakushiyeli ngqolowa, nawayini intsha, naoli, nankonyana yankomo yakho, namatakane empahla yakho emfutshane, lude lukuchithe.

52. Lokungqinga emasangweni akho onke, zide ziwe iindonga zakho eziphakamileyo, ezinqabileyo, okholose ngazo, ezweni lakho lonke; lukungqinge ke emasangweni akho onke, ezweni lakho lonke, akunikileyo uYehova uThixo wakho;

53. udle isiqhamo sesizalo sakho, inyama yoonyana bakho neentombi zakho akunikileyo uYehova uThixo wakho, ekungqingweni, nasekuxinweni, olokuxina ngako utshaba lwakho.

54. Indoda esisifebe, ebixhamla ubuncwane kunene phakathi kwakho, yomkhangela ngeliso elibi umzalwana wayo, nomfazi wesifuba sayo, namasalela abantwana bayo abasaseleyo;

55. ngokokuze inganiki namnye kubo into yenyama yabantwana bayo eyidlayo, ngenxa yokuba ingashiyelwanga nto ekungqingweni nasekuxinweni, olokuxina ngako utshaba lwakho emasangweni akho onke.

56. Intokazi eling'awukazi, exhamle ubuncwane phakathi kwakho, ebingalingi ukubeka intende yonyawo lwayo emhlabeni, ngenxa yokuxhamla ubuncwane, nangenxa yokuba iling'awukazi, yoyikhangela ngeliso elibi indoda yesifuba sayo,

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 28