Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 25:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Yobethwa imivumbo emashumi mané, kungòngezwa; hleze kwakongezwa yabethwa imivumbo emininzi ngaphezu kwaleyo, acukucezeke umzalwana wakho emehlweni akho.

4. Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula.

5. Xa bathe bahlala ndawonye abantu bezalana, wafa omnye kubo engenanyana, umfazi wofileyo makangendeli kwindoda yasemzini, yangaphandle; ozalana nendoda yakhe maze amngene, amzeke, abe ngumkakhe, enze kuye okozalana nendoda yakhe.

6. Wóthi ke owamazibulo, athe wamzala, eme egameni lomfi lowo, lingàcinywa igama lakhe kwaSirayeli.

7. Ke ukuba indoda leyo ithe àyakunanza ukumzeka umkamfi lowo, wonyuka umkamfi lowo, aye esangweni kumadoda amakhulu, athi, Laa mntu uzalana nendoda yam akavumi ukumvelisela umntakayise igama kwaSirayeli, akavumi ukwenza kum okozalana nendoda.

8. Oyibiza ke amadoda amakhulu omzi wayo, athethe kuyo; ime, ithi, Andikunanzile ukumzeka;

9. afike kuyo umkamfi lowo phambi kwamadoda amakhulu, ayikhulule imbadada elunyaweni lwayo, ayitshicele ebusweni, aphendule athi, Makwenjiwe nje kwindoda engayi kuyakha indlu yomntu ozalana nayo.

10. Kothiwa ke igama layo kwaSirayeli nguNdlw-ikhululwe-imbadada.

11. Xa kuthe kwantlalana amadoda amabini, umntu nomzalwana wakhe, wasondela umfazi wenye, ukuba ahlangule indoda yakhe esandleni seyibethayo, wolula isandla sakhe, wayibamba ngamaphambili,

12. wòsinqumla isandla sakhe, lingabi nanceba iliso lakho.

13. Uze ungabi namatye ngamatye okulinganisa engxoweni yakho, amakhulu namancinane.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 25