Ke ukuba indoda leyo ithe àyakunanza ukumzeka umkamfi lowo, wonyuka umkamfi lowo, aye esangweni kumadoda amakhulu, athi, Laa mntu uzalana nendoda yam akavumi ukumvelisela umntakayise igama kwaSirayeli, akavumi ukwenza kum okozalana nendoda.