Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 23:22-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ke xa uthe wayeka, akwabhambathisa, akuyi kuba sono oko kuwe.

23. Okuphume emlonyeni wakho kugcine, ukwenze; njengoko ubhambathise ngako kuYehova uThixo wakho ngokuqhutywa yintliziyo, wakuthetha ngomlomo wakho.

24. Xa uthe wangena esidiliyeni sommelwane wakho, ungáyidla idiliya uzifikisele, uhluthe, kodwa ungagaleli esityeni sakho.

25. Xa uthe wangena engqoloweni yommelwane wakho, engekavunwa, wokha izikhwebu ngesandla sakho; ungàfaki rhengqa engqoloweni yommelwane wakho engekavunwa.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 23