Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 23:18-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Uze ungalungenisi utsheqo lwehenyukazi nomvuzo wenja endlwini kaYehova uThixo wakho, ngenxa yesibhambathiso nokuba sisiphi; ngokuba zingamasikizi kuYehova zombini ezo zinto.

19. Uze ungambizi nzala umzalwana wakho: nzala yamali, nzala yakutya, nzala nokuba yeyani ekubizwa inzala ngayo.

20. Wobiza inzala kowolunye uhlanga; uze ungabizi nzala kumzalwana wakho, ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho ezintweni zonke osisa kuzo isandla sakho, kulo ilizwe ongena kulo ukuba ulimé.

21. Xa uthe wabhambathisa isibhambathiso kuYehova uThixo wakho, uze ungalibali ukusizalisa; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kusibiza kuwe, kube sisono kuwe.

22. Ke xa uthe wayeka, akwabhambathisa, akuyi kuba sono oko kuwe.

23. Okuphume emlonyeni wakho kugcine, ukwenze; njengoko ubhambathise ngako kuYehova uThixo wakho ngokuqhutywa yintliziyo, wakuthetha ngomlomo wakho.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 23