Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 23:15-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Uze ungasinikeli enkosini yaso isicaka esisabele kuwe, sisuka enkosini yaso.

16. Sohlala nawe phakathi kwenu, kuloo ndawo sithe sayinyula kwelinye isango emasangweni akho, apho kusilungele khona; uze ungasixinzeleli phantsi.

17. Makungabikho ng'awukazi kwindawo engcwele ezintombini zakwaSirayeli; makungabikho sifebe kwindawo engcwele koonyana bakaSirayeli.

18. Uze ungalungenisi utsheqo lwehenyukazi nomvuzo wenja endlwini kaYehova uThixo wakho, ngenxa yesibhambathiso nokuba sisiphi; ngokuba zingamasikizi kuYehova zombini ezo zinto.

19. Uze ungambizi nzala umzalwana wakho: nzala yamali, nzala yakutya, nzala nokuba yeyani ekubizwa inzala ngayo.

20. Wobiza inzala kowolunye uhlanga; uze ungabizi nzala kumzalwana wakho, ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho ezintweni zonke osisa kuzo isandla sakho, kulo ilizwe ongena kulo ukuba ulimé.

21. Xa uthe wabhambathisa isibhambathiso kuYehova uThixo wakho, uze ungalibali ukusizalisa; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kusibiza kuwe, kube sisono kuwe.

22. Ke xa uthe wayeka, akwabhambathisa, akuyi kuba sono oko kuwe.

23. Okuphume emlonyeni wakho kugcine, ukwenze; njengoko ubhambathise ngako kuYehova uThixo wakho ngokuqhutywa yintliziyo, wakuthetha ngomlomo wakho.

24. Xa uthe wangena esidiliyeni sommelwane wakho, ungáyidla idiliya uzifikisele, uhluthe, kodwa ungagaleli esityeni sakho.

25. Xa uthe wangena engqoloweni yommelwane wakho, engekavunwa, wokha izikhwebu ngesandla sakho; ungàfaki rhengqa engqoloweni yommelwane wakho engekavunwa.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 23