1. Sanduluka, sabheka entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu,* njengoko uYehova wathetha kum, sayijikeleza intaba yakwaSehire imihla emininzi.
2. Wathetha uYehova kum, wathi,
3. Kukade niyijikeleza le ntaba;
4. bhekani ngasentla, ubawisele abantu umthetho uthi, Niya kugqitha nje emdeni wabazalwana benu, oonyana bakaEsawu, abemi kwaSehire. Baya kunoyika, ize nizilumkele ke kunene.
5. Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime.
6. Ukudla nokuthenga kubo ngemali, nidle; namanzi nowemba kubo ngemali, nisele.