Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 2:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Sanduluka, sabheka entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu,* njengoko uYehova wathetha kum, sayijikeleza intaba yakwaSehire imihla emininzi.

2. Wathetha uYehova kum, wathi,

3. Kukade niyijikeleza le ntaba;

4. bhekani ngasentla, ubawisele abantu umthetho uthi, Niya kugqitha nje emdeni wabazalwana benu, oonyana bakaEsawu, abemi kwaSehire. Baya kunoyika, ize nizilumkele ke kunene.

5. Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime.

6. Ukudla nokuthenga kubo ngemali, nidle; namanzi nowemba kubo ngemali, nisele.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 2