Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 15:17-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. uthabathe ke inyatyhowa, umhlabe ngayo endlebeni iye kuma elucangweni, abe sisicaka kuwe ngonaphakade. Nakwisicakakazi sakho uze wenjenjalo.

18. Makunganqabi emehlweni akho ukumndulula kwakho ekhululekile kuwe; ngokuba kuwe unjengomqeshwa okuqeshwa kubini, ekukhonzé iminyaka emithandathu nje: wókusikelela uYehova uThixo wakho ezintweni zonke ozenzayo.

19. Onke amazibulo athe azalwa ziinkomo zakho nayimpahla yakho emfutshane angamaduna, wowangcwalisa kuYehova uThixo wakho. Uze ungawasebenzisi amazibulo eenkomo zakho, ungawachebi amazibulo empahla yakho emfutshane.

20. Wòwadlela phambi koYehova uThixo wakho iminyaka ngeminyaka, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova, wena nendlu yakho.

21. Xa athe aba nesiphako, aziziqhwala, aziimfama, onke anesiphako esibi, uze ungawabingeleli kuYehova uThixo wakho.

22. Wòwadlela emasangweni akho; oyinqambi nohlambulukileyo bofana ukuyidla into enjengebhadi nenjengexhama.

23. Ligazi lawo lodwa eningayi kulidla; wòliphalazela emhlabeni njengamanzi.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 15