Makunganqabi emehlweni akho ukumndulula kwakho ekhululekile kuwe; ngokuba kuwe unjengomqeshwa okuqeshwa kubini, ekukhonzé iminyaka emithandathu nje: wókusikelela uYehova uThixo wakho ezintweni zonke ozenzayo.