Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 12:20-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Xa athe uYehova uThixo wakho wawenza banzi umda wakho, njengoko abethethe ngako kuwe, uthi, Ndiya kudla inyama, ngokuba umphefumlo wakho unqwenela ukuyidla inyama: ungáyidla inyama ngokungqwena konke komphefumlo wakho.

21. Xa ithe yamgama kuwe indawo leyo, aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, ukuba alimise kuyo igama lakhe: woxhela ezinkomeni zakho, nasempahleni yakho emfutshane, akunikileyo uYehova, njengoko ndakuwisela umthetho ngako, udle emasangweni akho ngokunqwena konke komphefumlo wakho.

22. Kanye njengokuba lidliwa ibhadi nexhama, ùya kwenjenjalo ukuyidla; oyinqambi nohlambulukileyo bofana ukuyidla.

23. Kodwa qina ungalidli igazi, kuba igazi ngumphefumlo; uze ungawudli ke umphefumlo kunye nenyama.

24. Uze ungalidli; woliphalazela emhlabeni njengamanzi.

25. Uze ungalidli; ukuze kulúnge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, xa uthe wakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova.

26. Zizinto zakho ezingcwele zodwa ezilunge kuwe, nezibhambathiso zakho, owozithabatha uzise endaweni leyo aya kuyinyula uYehova;

27. wenze amadini akho anyukayo, inyama negazi, esibingelelweni sikaYehova uThixo wakho; igazi lemibingelelo yakho uligalele esibingelelweni sikaYehova uThixo wakho, uyidle inyama yona.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 12